Top Songs By Amadodana Ase Wesile
Similar Songs
Credits
PERFORMING ARTISTS
Amadodana Ase Wesile
Performer
COMPOSITION & LYRICS
Mongezi Nhose
Songwriter
Thomas Mokhati
Songwriter
Lyrics
Siyakudumisa Thixo
(Siyakuvum' ukuba unguYehova)
(Umhlaba wonke ubhedesha Wena)
(UYise ungunaphakade)
(Zonk' ingelosi zimemeza kuwe)
(KwaneZulu nawo wonk' amandla akulo)
(IKherobime neSeraphime)
(Zimana zimemeza kuwe)
(Uyingcwele, Uyingcwele, Uyingcwele)
(Yehova Thixo weMikhosi)
(Izulu lizele kwanomhlaba)
(Bubukhulu bobungcwalisa bakho)
(Umhlaba wobungcwalisa wabaPostile)
(Uyakudumisa)
(Amakholwa nabahle abaprofeti)
(Bayakudumisa)
(UMkhosi odumileyo wabafele Wena)
(Uyakudumisa)
(Irhament' engcwele kulo lonk' ilizwe)
(Liyakuvuma)
(UYise wokukhulu bungenamaliso)
(UNyana wakho emnye)
(Odumileyo oyinene)
(KwanoMoya oyingcwele)
(UMonwabisi)
(Wen'uKumkani wobungcwalisa)
(Wena Kristu)
(Wen' unguNyana onaphakade)
(WoYihlo)
(Uthe Wena wakunyula umsebenzi)
(Wokusindisa abantu)
(Akwasindela isizalo sentombi)
(Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa)
(Wavulela bonke abakholwayo)
(Ubukumnkani beZulu)
(Wena uhleli ngasekunene kuThixo)
(Ebungcwaliseni boYihlo)
(Siyakholwa ukuba woza)
(UbengumGwebi wethu)
(Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho)
(Ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo)
(Zenze ukuba zibalwe ndawonye)
(Nabangcwele bakho)
(Ebungcwaliseni obungunaphakade)
(Nkosi sindisa abantu bakho)
(Uthamsanqelise ilifa lakho)
(Baphathe ubaphakamise)
(Kude kube ngunaphakade)
(Thina imihla ngemihla)
(Sikwenza mkhulu Wena)
(Sihlala sibedesha igama lakho)
(Kude kube ngunaphakade)
(Sincede Nkosi)
(Usilondoloze ngale mini singabi nasono)
(Nkosi zusiphathe ngetaru)
(Zusiphathe ngetaru)
(Nkosi itaru lakho malihle phezu'kwethu)
(Njengokuba ithemba lethu likuwe)
(Nkosi ndithembe Wena)
(Ma ndingaze ndidaniswe)
(Nkosi ndithembe Wena)
(Ma ndingaze ndidaniswe)
Written by: Mongezi Nhose, Thomas Mokhati